Nanjengokuba kukho iinyaniso ezilawula ubume bomhlaba, kwangokunjalo kukho iinyaniso ezilawula ukuhlobana kwakho noThixo


1. INYANISO YOKUQALA

UTHIXO UYAKUTHANDA WAYE UKUBEKELE ICEBO ELINGUMANGALISO EBOM I N I BAKHO.

(Amanqaku akule ncwadana makafundwe ngokwayamene neBhayibhile ngalo lonke ixesha xa kunokwenzeka).

UTHANDO LUKATHIXO
"Kuba weenje nje uThixo ukulithanda kwakhe ihlabathi, ude wancama uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze bonke abakholwayo kuye bangatshabalali, koko babe nobomi obungunaphakade." (Yohane 3:16)

ICEBO LIKATHIXO
(UKristu ethetha) "Mna ndizele ukuze babe nobomi, babe nabo ke ngokuggithiseleyo." (Yohane 10:10).

Kungani ukoba inkoliso yabantu ingabi nawo amava obomi obugqithisaleyo?


2. INYANISO YESIBINI

UMNTU WONILE WAZA WOHLUKA KUTHIXO, NGOKO KE AKANALO ULWAZI NAMAVA OTHANDO LUKATHIXO KWAKUNYE NECEBO LAKHE NGOBOMI BAKHE.

UMNTU WON I LE
"Kuba bonile bonke, basilela uluzukweni lukaThixo." (Roma 3:23)
Umntu waadalwa ukuze abe nobudlelwane noThixo kodwa ngenxa yentando yakhe elukhuni, wazenvulela ukuhamba indleia yakhe engaxhomekokanga mntwini, baza ke ngoko ubudlelwane phakathi kwakhe noThixo bophoka. Le ntando yakhe, ecaciswa ngumkhwa wobundlobongela okanye ikratshi lokuziphakamisa, bubunggina bento ethi iBhayibhile ukuyibiza sisono.

UMNTU WEHLUKENE NOTHIXO
"Kuba umvuzo we soono kukufa." (ukohlulwa ngokomoya kuThixo.) (KwabaseRoma 6:23)

Xhosa1

UThixo ungcwele waye umntu ungumoni Kukho umsantsa omkhulu owahlule aba babini.

Umntu uzama njalo ukufikelela kuThixo nokuthi afumane ubomi obugqithiseleyo ngemizamo yakhe; ubomi obulungileyo, intlalo ntle, ngolwazi lobulumko, njalonjalo, kodwa onke lamalinge akanamsebenzi.

Invaniso yesithathu yiyo kuuphela esinika impendulo kule meko...


3. INYANISO YESITHATHU

UYESU KRISTU NGUYE KUUPHELA OMISWE NGUTHIXO UKUBA AQONDANE NESONO SOMNTU. NGENXA YAKHE UNGANOLWAZI NAMAVA OTHANDO LUKATHIXO, NECEBO LAKHE NGOBOMI BAKHO.

WAAFA ENDAWENI YETHU
"Ke Yena uThixo uqondakalisa okwakhe ukusithanda ngokuthi sakubona ukuba sisengaboni, uKristu asifele." (KwabaseRoma 5:8)

WAAVUKA KWABAFILEYO
"Awathi kanjalo, emveni kokuva kwakhe ubunzima, wazimisa ephilile phambi kwabo, ngezigameko ezmmzi, ezibonakalisa ngokwakhe kubo kwiintsuku ezimashumimane ethetha izinto ezingabo ubukumkani buka Thixo." (Izenzo 1:3)

NGUYE KUUPHELA INDLELA
Uthi uYesu kuye, "Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi, akukho namnye uzayo kuBawo, engezi ngam." (Yohane 14:6)

Xhosa2

UThixo uwuphelisile umsantsa osahluleyo kuYe ngokuthumela uNyana wakhe, uYesu Kristu, ukuba afe emnqamlezweni endaweni yethu.

Akwenele ukuzazi nje ezinyaniso zintathu....


4. INYANISO YESINE

SONKE NGABANYE MA SIMAMKELE UYESU KRISTU NJENGOMSINDISI NENKOSI, KUKHONA SIYAKUBA NOLWAZI NAMAVA OTHANDO LUKATHIXO NECEBO NGOBOMI BETHU.

SIMELWE KUKUMAMKELA UKRISTU
"Ke bonke abamamkelayo wabanika igunya lokuba babe ngabantwana bakaThixo, aabo ke bakholwayo kwigama lakhe." (Yohane 1:12)

SAMKELA UKRISTU NGOKHOLO
"Kuba nisindiswe ngokubabalwa ngalo ukholo, nakho oko kungaphumi kuni, kusisipho sikaThixo akuphumi misebenzini, hleze kubekho bani ughayisayo." (Kwabase-Efese 2:8,9)

SAMKELA UKRISTU NGOKUMENYWA THINA ZIQU
(UKristu uyathetha) "Yabona, ndimi emnyango ndinkqonkqoza; ukuba uthe umntu waliva izwi lam, waluvula ucango, ndongena kuye, ndidie naye," (Izityilelo 3:20).
Ukwamkela uKristu Kuthetha ukuguqukela kuThixo, ushiye ubuwena, ukuthemba uKristu ukaba uza kungena ebomini bethu, ukuxolela iizono nokuthi asenze loo nto afuna ukuba sibe yiyo. Akwenele ukuvuma nje ngengqondo kwiimfuneko zakhe okanye ukusukela phezulu.

Ezi zanqha zibini zimele iintlobo ezimbini zabomi:

UBOMI OBULAWULWA NDIM

Mna etronini

UKristu nga phandle ko bomi bam.

Iziyolo ezi lawulwa ndim isiphumo kokungemthetho kunye nodano.

 

Xhosa3

UBOMI OBULAWULWA NGUKRISTU

UKristu etronini yobomi.

Ubumna buthotyiwe etronini.

Iziyolo phant kolawulo lukaThixo -

isiphumo lulonwabo olukhulayo ngecebo lika Thixo.

 

Sisiphi na isanqha esimele ubomi bakho?
Sisiphi na issanqha ongathanda ukubasimele ubomi bakho?

Oku kulandelayo kucacisa indlela ongamamnkela ngayo uKristu:


UNGAMAMKELA UKRISTU NGOKU NGOKHOLO OLUBONAKALISWE EMTHANDAZWENI
(Umthandazo kukuthetha noThixo).

UThixo uyayazi intliziyo yakho uhlupheka bubume bentliziyo yakho nangaphezu kokuba ehlupheka ngamazwi akho.

Lo ngumthandazo ongawenza:

"Nkosi Yasu, ndiya phawula ukoba be ndikade ndizilawulela ubomi bam ngenxa yoko ndikonile. Ngoku ndivula ucango lobomi bam, ndiya kwamkela nje ngoMsindisi neNkosi yam. Lawula etronini yabomi bam. Ndanze uNuba ndibe lolohlobo lomntu ofuna ukuba ndibe lulo."

Ingaba lomthandazo luluvo lomnqweno wentliziyo yakho?
Ukuba ngaba kunjalo, yenza lo mthandazo ngoku, uKristu uza kungena ebomini bakho njengokuthembisa kwakhe.


INDLELA ONOKUTHI WAZI NGAYO UKUBA UKRISTU UKHO EBOMINI BAKHO

Umamkele na uKristu ebomini bakho? Ngokwesithembiso sakhe kwisiTyhilelo 3:20, uphi uKristu kanye ngoku mayelana nawe? UKristu wathi uyakuza ebomini bakho. Waazi ngaliphi na igunya ukuba uThixo uwuphendule umthandazo wakho? (Ukuthembeka kukaThixo ngokwakhe kwa kunye neLizwi lakhe).

IBHAYIBHILE ITHEMBISA UBOMI OBUNGUNAPHAKADE KUBO BONKE ABAMAMKELAYO UKRISTU

"Bubo obu ke ubunqhina; ukuba uThixo usinike ubomi obungunaphakade; baye obo bomi bukuye uNyana wakhe. Lowo unaye uNyana unabo ubomi, lowo ungenaye unyana kaThixo, akanabo ubomi. Ndinibhálela ezi zinto, nina nikholwaYó kwigama loNyana kaThixo ukuze nazi ukuba ninobomi obungunaphakade." (I Yohane 5:11-13)

Bulela uThixo ngawo onke amaxesha kuba uKristu ekho ebomini bakho waye engasoze akushiye (KumaHebere 13:5). Use nakho ukwazi ukuba uKristu ophilayo uhleli kuwe, nokuba unobomi obungunaphakade, ukusukela nje kwixesha othe wammema ngalo ngokwesithembiso sakhe. Akasoze akukhohlise.

Kuza kuthiwa ni na ke ngezimvo?


MUSA UKUXHOMEKEKA PHEZU KWEZIMVO

Sinegunya elisisithembiso sikaThixo, ingasizizo izimvo zethu. UMkristu uphila ngokholo (ithemba) ekuthembekeni kuka Thixo ng๘kwakhe kanye neLizwi lakhe. Lo mfanekiso kaloliwe ubonisa ubuhlobo phakathi kweyona nto enyanisekileyo (UThixo neLizwi lakhe), kunye nokholo (ithemba lethu kuThixo neLizwi lakhe), kwa kunye noluvo (isiphumo sokholo Iwethu nentobeko) (Yohane 14:21)

Xhosa4

Uloliwe unakho ukubaleka nokuba likhona, nokuba alikho itroko langasemva. Noxa kunjalo ingabubuyatha ukwenza ilinge lokutsala uloliwe ngetroko langasemva. Ngokunjalo, thina nje ngamaKristu asixhomekeki kwizimvo okanye kwiintshukumo kodwa sibeka ukholo Iwethu (ithemba) ekuthembekeni kuka Thixo nakwizithembiso zeLizwi lakhe.


KE KALOKU XA SE UMAMKELE UKRISTU

Ngelo xesha kanye lokwamkela kwakho uKristu, nje ngesenzo sokholo, kwenzeke izinto ezininzi ezibandakanya ezi zilandelayo:

  1. UKristu uzile ebomini bakho. (KwisiTyhilelo 3:20; nakwabase-Kolose 1:27)
  2. Izoono zakho zixolelwe (Kolose 1:14)
  3. Ungumntwana kaThixo (Yohane 1:12)
  4. Waza waqala ukuhlahla indlela malunga naloo msebenzi uThixo akudalele wona (Yohane 10:10; AmaKorinte II 5:14,15,17)

Ungacinga na ukuba ikhona into engummangaliso ekwehleleyo ngaphezu kokwamkela uKristu? Ungathandaza khona ngoku, ngako konke akwenzele kona? Kanye esosenzo sokubulela uThixo salatha ukholo.

Ngoku sexufuneka wenzentoni?


AMACEBISO NGOKUKHULA KOMKRISTU

Ukuthemba uYesu Kristu kusisiqhamo sokukhula ngokwasemoyeni. "Lowo ulilungisa uya kudla ubomi obuphuma elukholweni." (Kuma-Galati 3:11) Ubomi bokholo buya kukwenza ukuba uthembe uThixo ngokugqithisileyo ngazo zonke iimeko zobomi bakho; nokuba wenze njalo oku kulandelayo:

  • Yiya kuThixo ngomthandazo yonke imihla. (Yohane 15:7)
  • Funda iLizwi likaThixo yonke imihla (Izenzo 17:11) - uqale kwivangeli kaYohane.
  • Lulamela uThixo amaxesha ngamaxesha. (Yohane 14:21)
  • Nqhinela uKristu ngobomi bakho nangamazwi akho. (Mateyu 4:19; Yohane 15:8)
  • Waphose kuThixo onke amaxhala akho. (1 Petros 5:7)
  • UMoya oyiNgcwele ‹ mvumele alawule, ongeze amandla kubomi bakho bemihla ngemihla nobunghina bakho. (AmaGalati 5:16,17; Izenzo 1:8)

UKUBALULEKA KOBUDLELWANE BOBUKRISTU

Kuma-Hebere 10:25, siya cetyiswa ukuba "singakuhilizeli ukuhlanganisana kwethu...kodwa ma sivuselelane..." linkuni ezininzi zivutha ngokucacileyo, kodwa xa ubeke Iwalunye kwiziko elibandayo, uyacima umlilo. Kunjalo ukuhlobana kwakho namanye amaKristu. Ukuba awuyi enkonzweni apho uKristu awongwa khona, nalapho iLizwi lakhe lishunyayelwa khona thabatha amanyathelo, uzibandakanye njalo nabantu esebemfumene uKristu nje ngoMsindisi, benamava othando Iwakhe.

Ingeba unqwenela ukwazisa abanye na ngalento oyifumeneyo?


ADDITIONAL ASSISTANCE